Iindumiso 78:34-41 Ibhayibhile (XHO96)

34. Akubohlwaya babuyela kuye,baguquka bazinikela kuThixo.

35. Bakhumbula ukuba nguThixo inqaba yabo,bangáhlangulwa nguThixo uPhezukonke.

36. Kodwa kuloo nto yonke bamqhatha;bâthi: “Lala, gusha, ndikuchebe.”

37. Zabe iintliziyo zona zikude lee kuye,bengakhange bawunanze umnqophiso wakhe.

38. Kambe ke yena uThixo waba nenceba,wabaxolela iziphoso zabo,wazibamba akabatshabalalisa;ewe, wayewubamba futhi umsindo wakhe,wayithomalalisa ingqumbo yakhe.

39. Wakhumbula ukuba bangabantu,into edlula njengomoya iphele.

40. Kwaba kaninzi bemvukela entlango;ewe, babemtsho abe neenzingo kwelingamiwayo.

41. Baphinda-phinda ukumvavanya,bamcaphukisa oyiNgcwele kaSirayeli.

Iindumiso 78