1. Ndiyakhwaza, ndibhekisa kuThixo;ndikhala kuye, ukuba andiphulaphule.
2. Ngomhla wenkathazo ndibhenela eNkosini;ebusuku ndiyazingisa, ndiziphakamisela kuyo izandla,umoya wam ungavumi ukuthuthuzeleka.
3. Ndakucinga ngoThixo, ndiba nesingqala;ndakucamngca, uyatyhafa umoya wam.
4. Andisabazi nobuthongo;ndixakwe nakukuthetha ziinkathazo.