Iindumiso 68:9-28 Ibhayibhile (XHO96)

9. Wena, Thixo, wathulula izandyondyo zemvula,walinyanga ilizwe lakho elibharhileyo.

10. Abantu bakho watsho bazuza umhlaba wokuma;ngenceba yakho wabazelelela abahlelelekileyo.

11. INkosi inika umyalelo,batsho babe baninzi abavakalisa iindaba.

12. Iinjengele zomkhosi nâzo zibaleka;ke bona abafazi basala besab' amaxhoba.

13. Sebengathi ngamahobe ahonjiswe ngesiliva;amaphiko ehonjiswe ngegolide.

14. Wathi uSomandla ukubasarhaza ookumkani,kwatsho kwalal' ikhephu eZalmon.

15. Iphakamile ke kambe intaba iBhashan;yintaba encopho zininzi.

16. Zintabandini, ngani ukuba niyigxeleshe intaba,nditsho intaba enqwenelekayo kuThixo,apho wohlala khona ngonaphakade uNdikhoyo!

17. UNdikhoyo weza ngeenqwelo ezimawaka-waka,ephuma eSinayi, esiza ebhotwe.

18. Wantinga, wanyukela phezulu,erhuqa umngcelele wabathinjwa,wamkela izipho ebantwini,ewe, nditsho nakwabamvukelayo,ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.

19. Yibongeni iNkosi!Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.

20. UThixo wethu ungosindisayo;uMhlekazi uNdikhoyo uyasihlangula ekufeni.

21. Kodwa ke uThixo uya kuzintlekeza iintshaba zakhe,abo bathene nca nenkohlakalo.

22. INkosi yathi: “Ndiya kuzibuyisa eBhashan;ndiya kuzirhola enzonzobileni yolwandle;

23. ukuze nina nigxampuze egazini lazo,zona izinja zihluthe kukuxhaph' igazi.”

24. Umngcelele wakho, Thixo, uyabonakala,umngcelele oya esibingelelweni,nditsho okaThixo, ukumkani wam.

25. Phambili ngabantyilozayo, belandelwa ngabangqungqayo;phakathi kwabo iintombi zibeth' iingqongqo.

26. Mbongeni uThixo embizweni yakhe;mbongeni, nina bandla likaSirayeli!

27. Zikhokelwa nguBhenjamin inci.Nâlo neqela lamatshawe akwaJuda.Ayalandela awakwaZebhulon nawakwaNafetali.

28. Bonakalìsa ubungangamsha bakho, Thixo;loo mandla wasinceda ngawo, Thixo.

Iindumiso 68