8. Nabaseziphelweni zehlabathi bathi,bakuzibona ezi zinto, barhwaqele.Ngapha nangapha wena uhlwayela ulonwabo.
9. Ilizwe wena ulalusa ngemvula;wena ulitsho libe yintombazana.Ke yona imilambo iyankcenkceza;uyabalungiselela bafumane indyebo.
10. Amasimi uwavathisa ngemvula, atsho ee thinte ngamanzi.Umhlaba uwunyakamisa ngomvimbi, zitsho ziqhame izityalo.
11. Unyaka uwuthi jize ngendyebo,kuvuz' ubusi namafutha kwimizila yeenyawo zakho.