1. Intliziyo yam suke yaphuphuma;kuthi mandibonge ndityibele.Ulwimi lwam lona luqule lwaligangatha,ndanga ndingumbhali ongenadyudyu.Kaloku ndingqungel' ukubhekisa kuMntwan' omhle.
2. Kubo bonke wen' uyinzwan' engenasiphako;uliciko elicikoza kuvokotheke.Kaloku uThixo ukuthamsanqelengezingaphele ndawo iintsikelelo.
3. Yithi hlas' ikrel' uqule, Somagorha!Qula ngesidima nobungangamsha!
4. Nyantsul' uye kuqhawuk' unobathana!Qula uyilwele inyaniso nobulungisa!Ngobungangamsha bakho dubula ugeqa!