Iindumiso 41:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ke mna ndathi: “Ndikhoyo, ndenzele inceba!Ndikonile; nceda ndiphilise!”

5. Zahlekisa ngam iintshaba zisithi:“Uya kufa nini kakade, angabi sakhunjulwa bani?”

6. Nabo baze kundivelela abakho ntweni,bezela nje ukuza kuva ulwimi,bahambe besasaza intlebendwane.

7. Zihamba zindihleba iintshaba zam,zindinqwenelela okubi.

8. Zihamba zisithi: “Ukufa mumosele!Akanakuba savuka kumandlalo wakhe!”

Iindumiso 41