Iindumiso 40:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Mikhulu, Ndikhoyo, Thixo wam, imimangaliso osenzele yona.Kukwangako nokusazelelela kwakho;akakho onjengawe, Nkosi!Ngeba ndiyabalisa, koko ndiswel' imilomo eliwaka.

6. Wena akuwananze nganto amadini neminikelo,akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono,kambe ke undinike indlebe evayo.

7. Kungoko ke ndathi mna:“Njengoko kubhaliwe ngam encwadini, ewe, ndim lo.

8. Iyandivuyisa intando yakho, Thixo wam;umthetho wakho ndiwumilisele entliziyweni.”

9. Ndizixelile ebandleni iindaba zakho zosindiso;Ndikhoyo, uyazi ukuba andikuyeka ukuzibalisa.

10. Andilufihlanga udaba losindiso lwakho;bendisoloko ndibalisa ngokunyaniseka noncedo lwakho;andilifihlelanga ibandla lakho izibele zakho nenyaniso yakho.

11. Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;ndilondoloze ngenceba nenyaniso.

12. Zindivelela macal' onke iingxaki.Ndixakene nezono zam, azindiphi mtyhi konke.Nditsho ndatyhafa, kuba zininzi ngangeenwele zentloko yam.

Iindumiso 40