Iindumiso 38:11-18 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ke zona izihlobo nabamelwana abasondeli kum,nkqu nentsapho yam le icezela phaya.

12. Bayandithiyela abafuna ukundibulala;bayandoyikisa abazungula ukundenzakalisa;bayandibhunga imini yonke.

13. Kodwa mna ndaba njengesithulu, andeva;ndanjengesimumu, andawuvula tu umlomo.

14. Ewe, ndinjengomntu ongaphenduliyo,kuba engeva.

15. Ndikhoyo, ndithembele ngawe;nguwe, Nkosi, Thixo wam, oya kundiphendulela.

16. Ndithandazela nje ukuba ungabayeki bandivuyelele abo bahlekayo xa ndiwayo.

17. Ndingawa nanini na; kaloku iintlungu zindiphethe.

18. Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.

Iindumiso 38