Iindumiso 24:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. *LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo.

2. Walisekela phezu kweelwandle;walithi zinzi phezu kwayo imilambo.

3. Ngubani onganyukayo aye entabeni kaNdikhoyo;ingubani oya kuthi gcobho endlwini yakhe?

4. Ngulow' uzandla zimsulwa, untliziyo inyulu,lowo ungazinquliyo izintw' ezingento,low' ungafungiyo exoka.

5. Uya kumthamsanqela uNdikhoyo,kuye kube chosi, kube hele,kuba nguThixo umkhululi wakhe.

Iindumiso 24