1. *LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo.
2. Walisekela phezu kweelwandle;walithi zinzi phezu kwayo imilambo.
3. Ngubani onganyukayo aye entabeni kaNdikhoyo;ingubani oya kuthi gcobho endlwini yakhe?
4. Ngulow' uzandla zimsulwa, untliziyo inyulu,lowo ungazinquliyo izintw' ezingento,low' ungafungiyo exoka.
5. Uya kumthamsanqela uNdikhoyo,kuye kube chosi, kube hele,kuba nguThixo umkhululi wakhe.