Iindumiso 22:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kambe wena ungqendeve phakathi kwabakudumisayo;nditsho wena ngangamela yakwaSirayeli.

4. Babekholose ngawe ookhokho bethu;babekuthembile, wabahlangula wena.

5. Bakhala kuwe, wabakhulula wena;babethembele ngawe, akwabadanisa.

6. Ke mna andimntu, ndifana nqwa nombungu;ndiyintlekisa ebantwini, ndideliwe luluntu.

7. Bonk' abandibonayo bayandigxwala;bandinyevulele, bahlunguzelis' intloko besithi:

8. “Ubethembele *kuNdikhoyo, makamhlangule kaloku;makamkhulule ukuba uyamthanda.”

Iindumiso 22