1. Ngani na izizwe zisenza imbudumbudu nje?Ngani na abantu besenza amayelenqe azé nje?
2. Ookumkani bemi bume,neziphathamandla zenza amabhungaokuvukela *uNdikhoyo nomthanjiswa wakhe, besithi:
3. “Masiziqhawule ezo mbophelelo zabo,sikhululeke kuloo makhamandela abo.”
4. Lowo ungqendeve esihlalweni sakhe ezulwini uyabahleka;uNdikhoyo usuka abagxwale.
5. Uya kusuka akhalimele ngomsindo,abankwantyise ngengqumbo yakhe, athi:
6. “Ndim lo umisele lo kumkani wam phezu kweZiyon,intaba yam ncakasana.”
7. Ewe, ndivakalisa isibhengezo sikaNdikhoyo esithi:“Ungunyana wam wena; ndikuzele namhlanje.