4. Bendirhintyelwe ziintambo zokufa,amaza arhaxayo endigubungele.
5. Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.
6. Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,ndalucela uncedo kuThixo wam.Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.
7. Suka wagungqa wanyikima umhlaba,nditsho neziseko zeentaba zashukuma,kuba uThixo wayenomsindo.