4. Abanangqondo na abakhohlakeleyo;abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,bangamnquliyo nokumnqula uNdikhoyo?
5. Baya kunkwantya benkwantyile,kuba uThixo ukunye nĂ¢bo bamthobeleyo.
6. Nangona aminxwayo amacebo osizana,nguNdikhoyo olixhadi lalo.
7. Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli,akuba uNdikhoyo eyibuyisile inkqubela yabantu bakhe.AbakwaYakobi baya kugcoba;ewe, ochulumacha amaSirayeli.