4. Kaloku wena wazi ndingekathethi;ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.
5. Kaloku wena undiphahle macal' onke;isandla sakho sindifumbathile.
6. Ndlela le undazi ngayo indongamele;ewe, ndiyalabalaba, isemajukujukwini kum.
7. Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
8. Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.
9. Ndingafanelana ndihamba nokusa,ndiye kutsho eziphelweni zolwandle,
10. nalapho ndingakhokelwa sisandla sakho;ewe, ndohlala ndisemandleni akho.
11. Noba ndingathi mandisongelwe bubumnyama,nokukhanya kujike kube bubusuku,