Iindumiso 119:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ukuba ndizibambile iziyalo zakho,andisoze ndibhaqwe lihlazo.

7. Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.

8. Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho;awu, nceda ungandilahli kuphele.

9. Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?Ngokuthobela ilizwi lakho.

10. Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

11. Ndihamba ngokomlomo wakho,khon' ukuze ndingoni.

12. Awu! Bayethe, *Mhlekazi!Khawundifundise imithetho yakho.

13. Mna ndiya kuzibhengeza zonke izigqibo zakho.

Iindumiso 119