Iindumiso 119:57-67 Ibhayibhile (XHO96)

57. Ndathi ke mna: Isabelo sam nguwe, *Ndikhoyo;ndiya kulithobela ilizwi lakho.

58. Awu, velana nam, ndiyakubongoza;ndibabale ngokwesithembiso sakho.

59. Ndiyiqondile indlela endiziphethe ngayo;ngoko ke ndibuyela kwizithethe zakho.

60. Sendingxamile, andisayi kulibazisa;ndozithobela iziyalo zakho.

61. Noba bangandirhintyela abakhohlakeleyo,soze ndiwulibale umyalelo wakho.

62. Nasezinzulwini zobusuku ndiyavuka;ewe, ndivuka ndikudumise ngenxa yokusulungeka kwesigwebo sakho.

63. Amaqabane am ngabakuthobelayo,abahamba ngemimiselo yakho.

64. Ihlabathi liphuphuma izibele zakho, Ndikhoyo;nceda undifundise imithetho yakho.

65. *Ndikhoyo, usazelelele isicaka sakho;wenze ngokwesithembiso sakho.

66. Ndithi jize ngobulumko nokuqonda,kuba mna ndikholosa ngemiqathango yakho.

67. Phambi kokuba undohlwaye ndandibhadula,kodwa ngoku ndiyalithobela ilizwi lakho.

Iindumiso 119