Iindumiso 119:167-175 Ibhayibhile (XHO96)

167. Imfundiso yakho ndiyilandela ngomoya wam wonke;kaloku andizenzi, ndiyayithanda.

168. Ndiyayithobela imimiselo nezithethe zakho,kambe ke wena wazi konke ngam.

169. Ndiyatarhuzisa; ndive, *Nkosi;ndivul' ingqondo ngokwesithembiso sakho.

170. Ndiyakubongoza, ndiphulaphule;ndihlangule njengoko wathembisayo.

171. Ndiya kusoloko ndikuncoma, ndikubonga,kuba uyandifundisa imithetho yakho.

172. Ingoma yam ngamadinga akho;kaloku iziyalo zakho zilungile.

173. Hlala ulungele ukundinceda;kaloku ndizikhethele imimiselo yakho.

174. Wowu! Ndiyakulangazelela ukusindiswa!*Ndikhoyo, andiziva ngemithetho yakho!

175. Ndiphe ubomi, ukuze ndikudumise;isigqibo sakho masindixhase.

Iindumiso 119