Iindumiso 119:141-158 Ibhayibhile (XHO96)

141. Nakuba ndidelekile, ndingazelwa nto,andishenxi kwimimiselo yakho.

142. Ubulungisa bakho bohlala buhleli,nomyalelo wakho wohlala uthembekile.

143. Ndiphahlwe ziinzima neenkathazo,kodwa ke mna andiziva ngeziyalo zakho.

144. Imfundiso yakho iya kuhlala ifezekile;ndiphe ukuqonda, ukuze ndiphile.

145. Yo-o-o! Khawundivelele, *Mhlekazi!Ke yona imithetho yakho ndiya kuyithobela.

146. Ndizibika kuwe, ndikhulule;imfundiso yakho ndoyithobela.

147. Ndikhala kuwe kusathi qheke ukusa;kaloku ndikholosa ngezwi lakho.

148. Ndivuk' ezinzulwini zobusuku;ndicamngca ngezithembiso zakho.

149. Ngenxa yezibele zakho, *Ndikhoyo, sabela,undihlaziye ngokwesigqibo sakho.

150. Abandenzela amayelenqe bayasondela,bona abayikhathalelanga imiyalelo yakho.

151. Kanti ke wena ukufutshane nam, Ndikhoyo,neziyalo zakho zithembekile.

152. Kwantlandlolo ndizifundile izithethe zakho;zaye ke zona zisisimakade.

153. Velana nam, kuba ndibandezelekile, undisindise,kuba andishenxi emyalelweni wakho.

154. Zabalaza undihlangule;ndihlaziye ngokwesithembiso sakho.

155. Kwizikhohlakali usindiso luthe qelele,kuba aziyikhathalele imithetho yakho.

156. Ke wena, *Ndikhoyo, unguSozinceba;ndihlaziye ngokwesigqibo sakho.

157. Zininzi iintshaba nabandibandezelayo,kodwa andishenxi kwimfundiso yakho.

158. Ndiyakhamnqa ndakubona abangcatshi;kaloku bona abalise so idinga lakho.

Iindumiso 119