Iindumiso 113:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ngumagob' umnqonqo alengetyeke,eqwalasel' amazulu nehlabathi.

7. Amahlwempu uyawaphakamisa, awavuthulul' uthuli;ewe, nabagqub' eluthuthwini uyabaphakamisa.

8. Batsho bangqendeve ndawonye namatshawe;ewe, babe matwa namatshawe abantu bakhe.

9. Nomfazi ongaphathiyo umzimasa ngomzi,atsho abe ngunobantwana onemincili.Huntshu-u-u!Bayethe, Mhlekazi!

Iindumiso 113