Iindumiso 110:3-7 Ibhayibhile (XHO96)

3. Amatshawe akho ozincama engaqhutywa,evethe eziyokoyoko zoloyiso,mhla wagagana notshaba lwakho.Kusasa ngejekejeke lobuthelana okombethe ulutsha.

4. UNdikhoyo akayi kujika, kuba wafunga wathi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedekioya kuhlala ehleli.”

5. Ke yona iNkosi ingakuwe;mhla yacaphuka iya kuzibhangisa izikumkani.

6. Iya kuzingenela ngomgwebo izizwe,zitsho ziqungquluze izidumbu zabantu;ewe, iya kuzivikiva iziphathamandla jikelele.

7. Ukumkani uya kusela ecaleni kwendlela;ngako ke aqingqe ethwel' indwe.

Iindumiso 110