Iindumiso 107:27-32 Ibhayibhile (XHO96)

27. Batatazela badidizel' okwamanxila;ewe, lalixubayele bexakiwe.

28. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.

29. Wasithothisa ke isaqhwithi,aza ke amaza olwandle azola.

30. Ke kaloku bachulumacha kuba kuzolile,waza ke wabafikisa kwizibuko ababelinqwenela.

31. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

32. Ngoko ke mabamncome ebandleni labakhe,bamdumise embizweni yamadoda amakhulu.

Iindumiso 107