Iindumiso 105:34-40 Ibhayibhile (XHO96)

34. Watheth' uThixo, kwavel' iinkumbi,zatsho ngenyambalala yomqikela.

35. Zalubhuqa lonk' uhlaza lwalapho,zayibhuqa yonke imveliso yomhlaba.

36. Wawabulala onk' amavela-tanci,nditheth' onke amazibulo amaJiputa.

37. Wawakhupha amaSirayeli,emka epheth' igolide nesiliva,kungekho namny' ubikwa hlaba kubantu bakhe.

38. Avuya amaJiputa akumka amaSirayeli;kaloku ayeselewoyika.

39. Wabasitha ngelif' emini abantu bakhe,wabakhanyisela ngesithatha somlil' ebusuku.

40. Bakucel' ukutya kwavel' izagwityi,wabanik' isonka esivel' ezulwini, bahlutha.

Iindumiso 105