Eyonqulo 8:13-16 Ibhayibhile (XHO96)

13. Emva koko uMosis uthathe oonyana baka-Aron, wabanxiba iihempe, wabafaka imixwayo, wabathwesa iminqwazi, njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

14. UMosis usondeze inkunzi yedini lokucamagushela, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.

15. Uyihlabile uMosis, waza wathi nkxu umnwe wakhe egazini layo, walityikila kwiimpondo zone zeekona zeqonga, waba ulahlulela uNdikhoyo ngokwenjenjalo. Eliseleyo ke igazi uliphalaze emazantsi eqonga. Waba ke ngoko uyalihlambulula iqonga.

16. Wawathatha onke amanqatha ezibilini uMosis, kunye nomhlehlo, kwakunye nezintso namanqatha azo, wawatshisa apho eqongeni lamadini.

Eyonqulo 8