1. Xa umntu ebizwe yinkundla ukuba anike ubungqina, aze anganiki nkcazelo ngento ayibonileyo nayivileyo, unetyala.
2. Xa umntu echukumise *into engàphathwayo, enjengesilo esifileyo, udyobhekile, unetyala, nokuba akaqondi. Ingasisilwanyana sasendle esingatyiwayo, nokuba yimfuyo engatyiwayo, okanye sisilwanyana esirhubuluzayo.