12. Kufuneka iqhekezwe ingqayi ethe yaphathwa nguloo mfo uvuzayo, size sona isitya esenziwe ngomthi sihlanjwe.
13. Yakuba le ndoda iphilile, kufuneka ilinde iintsuku zibe sixhenxe, yandule ke ukuya kuhlamba impahla, ize ihlambe nomzimba kumanzi abalekayo, ukuze usuke umlaza.
14. Ngosuku lwesibhozo kufuneka ise kumbingeleli amahobe amabini okanye amavukuthu ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo.
15. Umbingeleli ke yena wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Uya kwenjenjalo ke ukucamagushela loo mntu.