Eyonqulo 11:43-45 Ibhayibhile (XHO96)

43. Ze ningazifaki umlaza ngokutya ezo zinto.

44. Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele. Musani ukuzifaka umlaza nangasiphi na isidalwa esirhubuluzayo emhlabeni.

45. NdinguNdikhoyo owanikhupha eJiputa ukuze ndibe nguThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele.

Eyonqulo 11