2-3. ukuba bayigqithisele kumaSirayeli: “Kuzo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni zingátyiwa ezineempuphu ezicandekileyo kananjalo zisetyisa.
7. Inyama yehagu mayingatyiwa. Kaloku ihagu ineempuphu ezicandekileyo, kodwa ayetyisi.
8. Inyama yezinto ezinjalo maningayityi, ningazichukumisi naxa zifileyo, kuba *zinomlaza.”
9. Kwezasemanzini ningazitya zonke iintlanzi ezinamaphiko okugwedla namaxolo.
20. Zonke izinambuzane ezizitho zine eziphaphayo azityiwa,
21. ngaphandle kwezo zitaka-takayo.
22. Ezinjengeenkumbi, nootseki-tselu, nomqhathu, ziyatyiwa zona.
23. Kodwa zonke ezinye izinambuzane eziphaphayo, ezirhoqozayo, azityiwa.
24-28. Umntu ochukumise ezi zinto xa zifile woba nomlaza kude kutshone ilanga: iinyamakazi ezineempuphu, ngaphandle kwezo zineempuphu ezicandekileyo, zetyisayo nokwetyisa, kunye nezo zizitho zine zinamathupha. Umntu othe waphatha ezi zinto xa zifile, makahlambe impahla, kodwa woba nomlaza kude kube kutshone ilanga.
29-30. Kwezirhubuluzayo nazi ezingatyiwayo: iintuku, amabuzi, iimpuku, oomacikilishe, ooxam, noomalovane.
31. Umntu othe waziphatha nokuba zifile, woba nomlaza kude kutshone ilanga.
32. Xa kukho into ethe yawelwa zezo zinto xa zifile, yoba nomlaza nayo. Ndithetha nkqu nezinto ezenziwe ngamaplanga, ngamalaphu, ngethwathwa, okanye ngerhonya, nokuba isetyenziselwa ntoni na loo nto; kufuneka ifakwe emanzini, kodwa liya kude litshone ilanga ingekahlambuluki.