Eyemfuduko 7:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. Thethani naye nenjenje: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere wandithuma esithi: “Khulula abantu bam, baye kundinqula entlango!” Kambe ke awukayenzi loo nto unangoku.

17. Ngoku ke uNdikhoyo uthi: “Nantsi ke into eza kukwenza ukuba uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo” – la manzi omlambo iNayile ndiza kuwabetha ngale nduku isesandleni sam, atsho ajike abe ligazi.

18. Iintlanzi ziya kufa, umlambo utsho unuke, amaJiputa atsho awacekise amanzi eNayile.’ ”

19. UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athi kuAron: “Thatha induku yakho, uwalekuze ngayo amanzi aseJiputa, emilanjeni, ezintlanjeni, emachibini, nasemaquleni, atsho ajike abe ligazi. Koba ligazi ke kulo lonke elaseJiputa; nditsho nasezityeni zomthi nakwezamatye.”

20. UMosis noAron benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphakamisa induku yakhe ekho ukumkani namaphakathi akhe, wawabetha amanzi omlambo iNayile, aza ke onke amanzi omlambo lowo ajika aba ligazi.

21. Zafa ke iintlanzi apho emlanjeni, aza amanzi awo anuka kangangokuba amaJiputa angabi nako ukuwasela; yaba ligazi nje konke kwelaseJiputa.

Eyemfuduko 7