10. Bahamba ke uMosis noAron, baya kukumkani, benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphosa phambi kokumkani namaphakathi akhe induku yakhe, yaza yajika yayinyoka.
11. Kuthe ke kwakuba nje, ukumkani wabiza oosiyazi namaqili elaseJiputa, nabo bazijika ezabo iinduku ngemilingo yabo.
12. Ewe, baziphosa phantsi, yayileyo yajika yaba yinyoka; koko ke yona eka-Aron yasuka yaziginya zonke.
13. Kodwa ke ukumkani wenza njengoko wayetshilo uNdikhoyo, intliziyo yakhe yaqaqadeka, akabaphulaphula.
14. Ke kaloku *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Ukumkani uneenkani; akavumi ukubakhulula abantu bam.
15. Ngoko ke, phumani kusasa xa aya emlanjeni, niyokumlindela elunxwemeni lomlambo, niphethe laa nduku yayijike yaba yinyoka.
16. Thethani naye nenjenje: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere wandithuma esithi: “Khulula abantu bam, baye kundinqula entlango!” Kambe ke awukayenzi loo nto unangoku.