28. UMosis ke wabalisela uAron onke amazwi awawathethayo kuye uNdikhoyo, ngokunjalo nemiqondiso awamnika yona.
29. Bahamba bobabini ke, bafika bawaqokelela amadoda amakhulu akwaSirayeli.
30. Ke uAron wawaphalaza kuwo onke amazwi awayethethwe nguNdikhoyo kuMosis, ngokunjalo nemiqondiso leyo wayeyinikiwe wayenza phambi kwabo.
31. Bathi ke abantu, bakuba bevile, bebonile nokubona, baneliseka, baqonda ukuba uthe kanti uNdikhoyo usivile isimbonono samaSirayeli, wayiqonda nembandezelo akuyo. Ngoko ke besuka bee guqaqa banqula.