Eyemfuduko 4:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. UMosis waphendula wathi: “Ndiya kuthini ke ukuba abakholwa yile nto ndiyithethayo? Xa besithi: ‘Hayi, *uNdikhoyo khange abonakale kuwe.’ ”

2. UNdikhoyo wabuza wathi: “Yintoni na le isesandleni sakho?”UMosis waphendula wathi: “Yintonga.”

3. Waza ke uNdikhoyo wathi: “Yiphose phantsi.”Eyiphosile ke uMosis, yajika yaba yinyoka. UMosis wee jaju phaya,

4. uNdikhoyo wathi: “Yibambe ngomsila.” Ngenene ke wayibamba, yaza yajika yayintonga kwakhona.

5. Ke uNdikhoyo wathi: “Uya kwenjenjalo ke ukuze amaSirayeli aqonde ukuba ubonene noNdikhoyo uThixo wookhokho bawo: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.”

6. Waphinda wathetha naye uNdikhoyo wathi: “Qhusheka isandla sakho ngaphantsi kwesambatho sakho.” Wasifaka ke, wabuya wasikhupha, suka saphuma simhlophe qhwa liqhenqa.

7. Waza wathi uNdikhoyo kuye: “Phinda usiqhusheke.” Akuba ephindile, wabuya wasikhupha, sabuya siphilile sifana nenxalenye yomzimba wakhe.

8. Waqhuba wathi uNdikhoyo kuye: “Ukuba abakholwanga ngumqondiso wokuqala, noko baya kwanela ngulo wesibini.

9. Xa ke benganeliseki yile miqondiso mibini, bengafuni nokukuphulaphula, uze ukhe amanzi emlanjeni iNayile, uwagalele emhlabeni; uya kubona ke aya kujika abe ligazi.”

10. Kambe ke uMosis waphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi, Mhlekazi, kaloku andizange ndibe liciko ekuthetheni; ibe ke nangoku okoko wathethayo nam, andikwazi ukuthetha; ndilithintitha.”

11. UNdikhoyo ke wathi kuye: “Kanti ngubani owenza umntu akwazi ukuthetha; ingubani omenza angakwazi, okanye abe sisithulu? Ngubani omenza abone, okanye abe yimfama? Asindim na, mna Ndikhoyo?

Eyemfuduko 4