14. La makhonkco okungena imiqobo yokuphatha wawenza alungelelana nongqameko olo.
15. Ke yona imiqobo leyo wayenza ngomngampunzi, wayityabeka ngegolide.
16. Itafile leyo wayenzela izitya ngegolide: iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokwenza idini lewayini.
17. Wathatha igolide ecwengileyo, wenza isibane. Amazantsi kunye nesiqu saso wasibumba ngegolide naso. Wasenzela izihombiso ngeentyatyambo, imidumba, namagqabi eentyatyambo; zonke ke zaba yinto enye nesibane eso.
18. Kwalapho kuso wanxibelela amasebe aso: amathathu ngapha nangapha.
19. La masebe mathandathu aphuma esiqwini sesibane wawahombisa ngeentyatyambo zealmondi, nangemidumba, nangamagqabi eentyatyambo.
20. Nesiqu sesibane wasihombisa ngeentyatyambo ezine zealmondi, wasivathisa ngemidumba namagqabi eentyatyambo.