Eyemfuduko 36:28-34 Ibhayibhile (XHO96)

28. baza benza izakhelo zazibini ezikoneni.

29. Ezi zakhelo zeekona zaziqhagamshelwe emazantsi, zaya kuqhina phezulu. Kunjalo ke okwezi zakhelo zibini zeekona.

30. Ngoko ke zazisibhozo izakhelo, zixhaswe ngeziseko ezilishumi elinesithandathu – zizibini esakhelweni.

31. Kwakhona benza imiqadi yezakhelo ngomngampunzi. Yayimihlanu ngapha

32. nangapha, ngokunjalo nakwicala langasentshona ngasemva.

33. Lo uphakathi bawubeka esizikithini, wasuka ngapha waya kuthi ngqu ngaphaya.

34. Izakhelo ezo bazityabeka ngegolide, bazinxibelela amakhonkco enziwe ngegolide apho kwakungena khona imiqadi – miqadi leyo eyayityatyekwe ngegolide nayo.

Eyemfuduko 36