Eyemfuduko 31:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa;

4. ukucwangcisa nokuyila esebenza ngegolide, isiliva, nobhedu;

5. ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.

6. Kanti ke noHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan, ndimtyumbile ukuba ancedisane noBhezaleli. Naye ke ngokunjalo bonke ubuchule nobugcisa ndimphile, khon' ukuze babe nako ukuyenza yonke into endiyalela ukuba yenziwe:

7. *isibingelelo, ityesi yomnqophiso nesivalo sayo, nezixhobo nako konke okuhamba nesibingelelo;

8. itafile namasolotya ayo, isibane esenziwe ngegolide yoqobo nokwaso, iqonga lesiqhumiso,

9. iqonga lamadini atshiswayo nezixhobo zalo, isitya sokuhlambela nesiseko saso;

10. ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli zika-Aron noonyana bakhe, abaya kuzisebenzisa xa befezekisa umsebenzi endibanike wona;

11. amafutha okuthambisa, neso siqhumiso sivumba limnandi segumbi elingcwele. Zonke ke ezi zinto mabazenze matwa nendlela endikuyalele ngayo.”

Eyemfuduko 31