Eyemfuduko 30:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kweli qonga ke ungaze uqhumise ngasiqhumiso simbi, okanye idini elitshiswayo, kungenjalo idini lokutya; phezu kwalo ungenzi mnikelo uthululwayo.

10. Kanye ngonyaka uAron makalihlambulule eli qonga ngokwenza idini lokucamagusha. Uya kuthatha igazi lelo dini lesono, aqabe iimpondo zalo. Lo mmiselo ke mawenziwe minyaka le, ungaze uyekwe. Ngokwenjenjalo ke eli qonga liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo kuNdikhoyo.”

11. *UNdikhoyo ke wathi kuMosis:

12. “Ngexesha lobalo lwamaSirayeli umntu ngamnye aze akhuphe umrhumo wokucamagushela ubomi bakhe, khon' ukuze kungabikho shwangusha elubalweni apho.

13. Wonke umntu obalwayo makakhuphe iqhekeza lesiliva liqulunqwe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Ewe wonke ubani makahlawule le mali, ibe ngumnikelo wakhe kum.

14. Lilonke ke, mntu wonke ubalwayo ukuqalela kominyaka ingamashumi amabini ukunyuka, makawukhuphe loo mrhumo.

15. Uyabona ke, kuloo mrhumo wobomi babo akukho sityebi nahlwempu, koko bonke baya kukhupha ngokulinganayo umlinganiselo lowo umisiweyo.

16. Le mali ke yiqokelele kuwo onke amaSirayeli, ize isetyenziswe ekuxhaseni *isibingelelo. Lo mrhumo ke sisicamgushelo sobomi babo, khon' ukuze ndihlale ndibakhumbula ndibakhusele.”

17. *UNdikhoyo wathetha noMosis wathi:

18. “Yenza isitya sokuhlambela ngobhedu, usihlalise phezu kwesiseko sobhedu. Masime phakathi kwegumbi elingcwele neqonga lamadini, usigalele amanzi.

19. UAron noonyana bakhe baya kuhlamba izandla neenyawo kuloo manzi

20. xa bangenayo egumbini elingcwele okanye besiya kwenza idini elitshiswayo kwiqonga lamadini, ukuze bangafi.

21. Ewe, mabahlambe izandla neenyawo ukuze bangafi. Lo ke ngummiselo amabawuthobele bona nezizukulwana zabo.”

Eyemfuduko 30