22. “Thatha amanqatha enkunzi yegusha leyo ke, iketelele lomsila, umhlehlo, inxalenye yesibindi, izintso zombini, ndawonye namanqatha azo, nomlenze wasekunene.
23. Phaya ebhaskitini caphula kwiintlobo zonke: isonka, iqebengwana, nomqathane.
24. Zibeke ezandleni zika-Aron noonyana bakhe, baziwangawangise, bandenzele ngazo umnikelo owodwa.
25. Kamva ke uya kuzithatha kubo, uzitshise ndawonye nedini elitshiswayo. Elo ke lidini elivumba liyolileyo kuNdikhoyo – kaloku lidini elitshiswayo.
26. “Ke kaloku uya kuthatha incum yale nkunzi yegusha, uyiwangawangise, uyenze umnikelo kum. Kambe ke esi iya kuba sisabelo sakho.
27. “Xa kumiselwa umbingeleli incum nomlenze waloo nkunzi yegusha isetyenzisiweyo zingumnikelo kum, omawubekelwe bucala, ube sisabelo sababingeleli.
28. Lo ke ngummiselo wam ongasoze uthini. Nanini na abantu bam besenza idini lobudlelwane, incum nomlenze sisabelo sababingeleli; ngoko sisipho esinikelwa kuNdikhoyo.