1. Ke kaloku *uNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Nyuka, wena noAron, uNadabhi noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu akwaSirayeli. Nothi ke nisemgama nikhahlele.
2. Yoba nguwe Mosis wedwa ke oya kuza kufika kum; abanye ke abo basale; ke wona umndilili awuyi kunyuka nokunyuka entabeni.”
3. UMosis ke wawugqithisela ebantwini loo mlomo kaNdikhoyo, ngokunjalo nemiyalelo. Ke amaSirayeli atsho ngazwi-nye athi: “Konke akuthethileyo uNdikhoyo siya kukwenza.”
4. UMosis wayibhala yonke imiyalelo kaNdikhoyo. Kusasa ngengomso wakha iqonga lamadini emazantsi entaba, waza wamisa ishumi elinambini leentsika zamatye ngokwezindlu ezilishumi elinambini zikaSirayeli.
16-17. Baza ke ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bahlala phezu kwentaba iSinayi. KumaSirayeli kwakungathi ngumlilo ovuthayo apho phezu kwentaba. Ilifu elo layifukama intaba leyo iintsuku zantandathu, waza ngolwesixhenxe uNdikhoyo wabiza uMosis esefini apho.