Eyemfuduko 21:22-32 Ibhayibhile (XHO96)

22. “Xa ababini bethe besilwa baya kuphoseka kumfazi okhulelweyo, waza ngenxa yaloo nto akenzakala kodwa sona isisu saphuma, lo usisizekabani sale ntlekele uya kudliwa ngokubona kwendoda yaloo mfazi, yakuba icetyiswe ngabalamli.

23. Kodwa ke ukuba umfazi lowo uthe wenzakala, ubomi mabubuyekezwe ngobomi,

24. iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,

25. umlilo ngomlilo, uduma ngoduma, umvumbo ngomvumbo.

26. “Xa umntu elibethe walityhaphaza ikhoboka lakhe, liyindoda okanye libhinqile, makalikhulule ukuhlawula elo liso.

27. Kanti ke nokuba ulibethe kwapoq' izinyo wolikhulula ukuhlawula elo zinyo.”

28. “Xa inkunzi yenkomo yomntu othile ithe yahlaba umntu wafa, mayixulutywe ngamatye ide ife, inyama yayo ingàtyiwa. Ke yena umnini wayo akanatyala.

29. Kambe ke ukuba inkomo leyo ibiqhelile ukuhlaba abantu, abe nomniniyo eyaliwe, kodwa akayigcina, yaza yahlaba umntu yambulala, mayixulutywe ngamatye ife, ngokunjalo nomniniyo abulawe.

30. Phofu ke ukuba kubonakala ukuba umniniyo lowo makamiselwe umdliwo ukusindisa ubomi bakhe, kofuneka akhuphe loo nto ibizwayo njengoko injalo.

31. Nokuba inkomo leyo ihlabe yabulala inkwenkwe okanye intombazana, logwetywa kwangaloo ndlela elo tyala.

32. Xa ke inkomo leyo ihlabe yabulala ikhoboka eliyindoda okanye elibhinqileyo, umniniyo wokhupha intlawulo yeesiliva ezingamashumi amathathu, ke yona inkomo leyo ixulutywe.

Eyemfuduko 21