Eyemfuduko 16:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Wathi ke uNdikhoyo kuMosis:

12. “Xelela amaSirayeli ukuba ndizivile izikhalazo zawo; ngoko ke ngokuhlwa ndiya kuwanika inyama atye, ndize ngentsasa elandelayo ndiwaphe intaphane yesonka, khon' ukuze andiqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”

13. Kwathi ke ngongcwalazi kwagaleleka igquba lwezagwityi, lwathi khakhalala kuyo yonke loo ndawo ayemise kuyo amaSirayeli. Kanti ke ngengomso kwasa kulele umbethe.

14. Kuthe ke wakuvuthuluka umbethe lowo kwasala uqweqwe olungathi yiqabaka, lwawambathisa umhlaba.

15. AmaSirayeli athe akuyibona le nto angayaziyo, abuzana athi: “Yintoni le?”UMosis ke wathi kuwo: “Oku kukutya enikuphiwa nguNdikhoyo.

16. Uthe umntu ngamnye kuni makathathe kangangesisu sakhe. Lowo uthathela umzi wonke wolinganisela ukuba umntu ngamnye afumane iilitha ezimbini.”

17. Ke kaloku amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo, abanye bathatha kakhulu, baza bambi bathatha kancinci.

18. Kodwa ke athe akukufaka emlinganisweni ukutya oko afumanisa ukuba othathe kakhulu akagqithisanga, kanti ke nothathe kancinci akalambathi. Umntu ngamnye wathatha ngokwentswelo yakhe.

19. UMosis wayalela ukuba kungabikho mntu ushiya mbeko.

20. Kambe ke abanye abamphulaphulanga bakubeka. Ngengomso ke kwasa kubolile kuneempethu, waza ke uMosis wakhathazeka.

21. Ngazo zonke iintsasa babethatha kangangezisu zabo. Kwakusithi ke lakuba shushu ilanga kunyibilike kuphele oko kutya kwabo.

22. Ngomhla wesithandathu ke ukutya bakuthatha ngokuphindwe kabini, umntu ngamnye waneelitha ezine. Ke iinkokheli le nto zayixela kuMosis

23. owathi yena kuzo: “UNdikhoyo usiyale wathi ngomso ngumhla owodwa wokuphumla, lusuku oluphawulelwe yena. Ngoko ke bhakani namhlanje xa nifuna, futhi nipheke kwanamhlanje, okuseleyo ke nikugcinele ingomso.”

24. Okuseleyo ke bakugcinela ingomso ngokokutsho kukaMosis. Kona ke zange konakale.

Eyemfuduko 16