Eyemfuduko 15:6-22 Ibhayibhile (XHO96)

6. “Hayi kamb' isandla sakho, Ndikhoyo,yingwanyalal' etshatsheleyo!Ewe, isandla sakho, wena Ndikhoyo,siyaluvikiva utshaba lwakho.

7. Ngangamsh' engatshonelwa langa,ezikhahlela phants' izibhoja;umavulel' umsindo ozayo,uzithi lenye ngathi kutsh' ingca!

8. Ngokuphefumla kwakho nje qhasuka ulwandle lwaba ziingqimba,amanzi asuka aba ludonga,inzonzobila yolwandle yakhenkceza.

9. Utshaba lwathi:‘Mandisukele ndibabambe.Ndiya kuxhaphaz' amaxhoba, ndizanelise.Ndiya kuxhoba ndif' amacala,nditshayele nditshabalalise ngekrele.’

10. Suka ke uNdikhoyo wafutha,kwaba kanye antywiliseleka amaJiputa.Ewe, azika nywam emanzini,kwanga kukweyela kwesinyithi.

11. “Kodw' angavela ph' onjengawe, Ndikhoyo,obalasele kangaka ngobunyulu,omiqondiso ikhamnqisa kangaka,ozenzo zimangalisa ngokuncamisayo?

12. Wathi wakusolula esakho isandla,umhlaba wazithi bimbilili iintshaba zethu.

13. Thembekil' othando lungatshitshiyo,uyabakhokel' abant' obahlawuleleyo;ngobungangamsha bakho ubathundezile,bagaleleka kwikhaya lakho elingcwele.

14. Izizwe zithe zingeva zaphithizela liphaphu,atshw' amaFilistiy' arhwaqela luvalo.

15. Iinkosi zakwaEdom zibamb' ongezantsi;izinxiba-mxhaka zakwaMowabhi ziyatyhwatyhwa.Asisathethi ke ngezima-mhlaba zaseKanana,kuba zona ziya kunyibilika.

16. Suka zazibhija-bhija zinkwantya;ngobungangamsha bakho zaw' isiduli.Baz' abakaNdikhoyo bagqitha bengcambaza;nditsho abakhululwa awabathengayo.

17. Wabathatha wabemisa entabeni yakho,ndawo leyo ilikhaya lakho, Ndikhoyo;ewe, endlwini yakho, Ndikhoyo,leyo wazakhela yona.

18. Hayi ke bethu, yena uNdikhoyouya kulawula ngonaphakade kanaphakade.”

19. Kaloku kwathi esakungena elwandle amahashe okumkani neenqwelo nabaqhubi, *uNdikhoyo wawagubungela ngamanzi, atshona. Kanti ke wona amaSirayeli aluwela ulwandle ehamba emhlabeni owomileyo.

20. Ke kaloku umshumayelikazi uMiriyam, udade boAron, waqubula igubu lakhe, baza bonke ababhinqileyo bamlandela namagubu abo, batsho ngentsholo bengqungqa.

21. UMiriyam ke wahlabela ingoma wenjenje:“Hoyina! Memelelani nitsholoze!UNdikhoyo woyise wada watshatshela!Ihashe ngokunjalo nophezu kwaloulintywilisele phakath' elwandle.”

22. UMosis ke wawakhokela amaSirayeli, balushiya uLwandle oluBomvu, baya kungena kwintlango iShure. Baba ntsuku-ntathu behamba kuloo ntlango; bengafumani manzi.

Eyemfuduko 15