6. Ngoko ke ukumkani waxhoba, wabopha iinqwelo zakhe zokulwa, waphuma nomkhosi wakhe.
7. Wakhupha nezona nqwelo zithembekileyo zimakhulu omathandathu, zibhexeshwa ziingqwayi-ngqwayi ezaziwayo. Akashiyanga nanye kwiinqwelo zaseJiputa.
8. UNdikhoyo wamenza waneenkani ukumkani waseJiputa, wawasukela amaSirayeli; aye wona phofu ehamba ngesibindi.
9. Yaphuma imikhosi yamaJiputa, yasukela ngeenqwelo zamahashe. Yayiziinqwelo nabeenyawo. Yabafumana bephumle ngakuLwandle oluBomvu, kufutshane nePi-hahiroti neBhali-zefon.
10. AmaSirayeli athi akubona umkhosi wokumkani waseJiputa ugaleleka, ankwantya, abhenela kuNdikhoyo.