Eyemfuduko 14:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ngoko ke ukumkani waxhoba, wabopha iinqwelo zakhe zokulwa, waphuma nomkhosi wakhe.

7. Wakhupha nezona nqwelo zithembekileyo zimakhulu omathandathu, zibhexeshwa ziingqwayi-ngqwayi ezaziwayo. Akashiyanga nanye kwiinqwelo zaseJiputa.

8. UNdikhoyo wamenza waneenkani ukumkani waseJiputa, wawasukela amaSirayeli; aye wona phofu ehamba ngesibindi.

9. Yaphuma imikhosi yamaJiputa, yasukela ngeenqwelo zamahashe. Yayiziinqwelo nabeenyawo. Yabafumana bephumle ngakuLwandle oluBomvu, kufutshane nePi-hahiroti neBhali-zefon.

10. AmaSirayeli athi akubona umkhosi wokumkani waseJiputa ugaleleka, ankwantya, abhenela kuNdikhoyo.

Eyemfuduko 14