Eyemfuduko 10:17-24 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ndicela uxolo ngesono sam; ndiyanibongoza, okwesi isihlandlo khaninditarhuzisele kuNdikhoyo uThixo wenu, ayisuse le ntshabalalo!”

18. Waphuma ke uMosis, waya kuthandaza uNdikhoyo.

19. UNdikhoyo ke wathumela umoya wasentshona, wazitshayela zonke iinkumbi, waya kuzeyelisela kuLwandle oluBomvu, akwasala nob' ibe nye inkumbi kwelaseJiputa.

20. Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani waseJiputa, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.

21. Waphinda *uNdikhoyo wayalela uMosis ukuba aphakamisele isandla sakhe esibhakabhakeni, ukuze kubekho isithokothoko sobumnyama kulo lonke elaseJiputa, esatsho baziimpumputela abantu.

22. Wasiphakamisa ke uMosis isandla sakhe, kwaza kwakho isithokothoko sobumnyama esabetha kwathi thsu iintsuku ezintathu kulo lonke elaseJiputa.

23. Obo bumnyama ke batsho amaJiputa akabi nako nokubonana oku, engenako nokuphuma endlwini ezo ntsuku zontathu. Kanti ke kwisiphaluka samaSirayeli kwakukhanya.

24. Waza ke ukumkani wabiza uMosis, wathi kuye: “Ngoku ningahamba niye kukhonza uNdikhoyo kunye nabafazi nabantwana benu, nishiye imfuyo yenu kuphela.”

Eyemfuduko 10