Eyasentlango 31:21-31 Ibhayibhile (XHO96)

21. Umbingeleli uElazare wathetha naloo madoda awayevela emfazweni, wathi: “Nantsi imimiselo enikelwe uMosis nguNdikhoyo.

22-23. Uthe yonke into engatshiyo enjengegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, inkcenkce, okanye ilothe, mayihlanjululwe ngokufakwa emlilweni, ize ifakwe emanzini okuhlambulula. Izinto ezizezinye ke zona zohlanjululwa ngamanzi okuhlambulula kuphela.

24. Ngosuku lwesixhenxe ke kofuneka nizihlambe iimpahla zenu; xa kunjalo ke noba nihlambulukile ngokusesikweni, nibe nako nokungena emzini.”

25. *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:

26. “Thatha uElazare neenkulu zezindlu zamaSirayeli, nibale yonke into eniyithimbileyo kunye namabanjwa nemfuyo.

27. Onke amaxhoba lawo wahluleni kubini ngokulinganayo. Esinye isahlulo soba sesamajoni, esinye ke sibe sesebandla lonke.

28. Kwisahlulo samajoni thathani umrhumo kaNdikhoyo; wona ke woba libanjwa elinye kwangamakhulu amahlanu. Nosebenzisa kwaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo.

29. Ezi zinto ke nozinika umbingeleli uElazare, zingumrhumo owodwa kaNdikhoyo.

30. Ke kwisahlulo samaSirayeli thathani libe linye kumabanjwa angamashumi amahlanu, niqhube kwangaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. Ezi zinto ke zona zinikeni abaLevi abo balusa *isibingelelo.”

31. UMosis noElazare ke bazenza zonke ezi zinto ngokwelizwi likaNdikhoyo.

Eyasentlango 31