11. UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
12-13. “Ngoku abakwaLevi ndibathathile; ngabam. Ekuwabulaleni kwam amazibulo amaJiputa ndazibekela bucala izibulo ngalinye lamaSirayeli ndawonye nawemfuyo yawo. Ngoku ke, endaweni yamazibulo amaSirayeli, ndibanga abakwaLevi; ngabam nqo. NdinguNdikhoyo kaloku.”
14. Kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathi kuMosis:
15. “Babale abaLevi ngokwezindlu nemizi yabo; ubhalise bonke abangamadoda, ukuqalela kubudala obuyinyanga enye nangaphezulu.”
16. Ke uMosis wayenza le nto.