Eyasentlango 26:54-60 Ibhayibhile (XHO96)

54. Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo.

55. Qiniseka ukuba umhlaba wahlulwa *ngamaqashiso. Isabelo somzi sohamba ngokobubanzi bawo.

56. Ewe, ilifa elo liya kwabiwa ngamaqashiso kwimizi ebanzi nenganeno ngokunjalo.”

57. Nalu uludwe lwemizi yakwaLevi: amaGershon, amaKohati, namaMerari.

58. Kwinzala yayo kukho nale mizi: amaLibheni, amaHebron, amaMali, amaMushi, namaKora. UKohati nguyise ka-Amram

59. owathatha umLevikazi uJokobhedi owazalelwa eJiputa. Ke yena wazalela uAmram oonyana ababini, uAron noMosis, nentombi uMiriyam.

60. UAron wayenoonyana abane, uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare.

Eyasentlango 26