54. Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo.
55. Qiniseka ukuba umhlaba wahlulwa *ngamaqashiso. Isabelo somzi sohamba ngokobubanzi bawo.
56. Ewe, ilifa elo liya kwabiwa ngamaqashiso kwimizi ebanzi nenganeno ngokunjalo.”
57. Nalu uludwe lwemizi yakwaLevi: amaGershon, amaKohati, namaMerari.
58. Kwinzala yayo kukho nale mizi: amaLibheni, amaHebron, amaMali, amaMushi, namaKora. UKohati nguyise ka-Amram
59. owathatha umLevikazi uJokobhedi owazalelwa eJiputa. Ke yena wazalela uAmram oonyana ababini, uAron noMosis, nentombi uMiriyam.
60. UAron wayenoonyana abane, uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare.