Eyasentlango 24:16-22 Ibhayibhile (XHO96)

16. izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke,othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.

17. Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya.Ndiyamalama, umgama, phambili qelele.Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi;ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli.Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi,abafohloz' oonyana bakaSeti.

18. Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom;ewe, iSeyire ibe yeyakhe,abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.

19. Kothi qhaphu umlawuli kwaYakobi,abasindileyo e-Edom abatshayele kuthi nya.”

20. UBhalam wabona nama-Amaleki, waza wathetha kwavokotheka wathi:“UAmaleki fudula elelona hlanga lomeleleyo,kambe ke ekugqibeleni uya kutshabalala kuthi tu!”

21. Kwangokunjalo wabona amaKeni, waza wathetha kwavokotheka wathi:“Ikhaya lakho ngumankankela wenqaba,ngathi yindlwana ekwiimfanta zeenkelekethe zamawa.

22. Kambe ke, nani maKeni, niya kutshabalala,akugaleleka uAsiriya anithimbe.”

Eyasentlango 24