16. izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke,othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.
17. Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya.Ndiyamalama, umgama, phambili qelele.Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi;ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli.Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi,abafohloz' oonyana bakaSeti.
18. Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom;ewe, iSeyire ibe yeyakhe,abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.
19. Kothi qhaphu umlawuli kwaYakobi,abasindileyo e-Edom abatshayele kuthi nya.”
20. UBhalam wabona nama-Amaleki, waza wathetha kwavokotheka wathi:“UAmaleki fudula elelona hlanga lomeleleyo,kambe ke ekugqibeleni uya kutshabalala kuthi tu!”
21. Kwangokunjalo wabona amaKeni, waza wathetha kwavokotheka wathi:“Ikhaya lakho ngumankankela wenqaba,ngathi yindlwana ekwiimfanta zeenkelekethe zamawa.
22. Kambe ke, nani maKeni, niya kutshabalala,akugaleleka uAsiriya anithimbe.”