14. Ke ngoku ndiyagoduka; ndiya kwabakowethu. Kodwa ke, phambi kokuba ndihambe, ndifuna ukukhe ndikulumkise ngento aya kuyenza uSirayeli kubantu bakho.”
15. Wathetha ke kwavokotheka uBhalam, wathi:“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,
16. izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke,othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.
17. Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya.Ndiyamalama, umgama, phambili qelele.Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi;ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli.Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi,abafohloz' oonyana bakaSeti.
18. Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom;ewe, iSeyire ibe yeyakhe,abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.
19. Kothi qhaphu umlawuli kwaYakobi,abasindileyo e-Edom abatshayele kuthi nya.”