Eyasentlango 19:17-19 Ibhayibhile (XHO96)

17. “Xa kuhlanjululwa umntu onjalo ke, kofuneka kucatshulwe kuthuthu lwethokazi elibomvu, lona luhlambululayo, lufakwe embizeni, luxutywe namanzi angcwengileyo.

18. Wosuka ke umntu ohlambulukileyo athathe ihlamvu lehisopu, alithi nkxu apho emanzini, atshize indlu nako konke okukuyo, ngokunjalo nabantu ababelapho kuyo. Okanye umntu ohlambulukileyo uya kuthatha loo manzi atshize lowo uchukumise ogetyengiweyo, okanye ofileyo, mhlawumbi ochukumise ithambo noba lingcwaba.

19. Kusuku lwesithathu, ngokunjalo nakolwesixhenxe, loo mntu uhlambulukileyo uya kutshiza lowo ugqwalisekileyo. Ngosuku lwesixhenxe ke uya kuhlambuluka loo mntu, akuba ezihlambile iimpahla zakhe, naye ngokwakhe ehlambe umzimba. Matshona kwelanga ke woba uhlambulukile.

Eyasentlango 19