2. Phuthuma abo uzalana nabo bendlu kaLevi, usebenze nabo bakuncedise xeshikweni wena noonyana bakho nibusayo esibingelelweni.
3. AbaLevi baya kujongwa nguwe ngokwemisebenzi yabo esibingelelweni, kodwa mabangasondeli nokusondela kwimpahla yegumbi eliyingcwele okanye eqongeni lamadini, kungenjalo baya kufa kunye nani.
4. Umsebenzi wabo baya kuwufezekisa ngokuncedisana nani esibingelelweni, ke yena umntu ongomnye ongenalungelo angaze asebenze nanini esibingelelweni.
5. “Nini emanithwale uxanduva lokulungiselela egumbini eliyingcwele nakwiqonga lamadini, khon' ukuze uNdikhoyo angaphindi awavelele ngomsindo amaSirayeli.
6. Ndim ngokwam ozinyulele abanakwenu abaLevi kumaSirayeli. Basisipho kuni babingeleli, khon' ukuze benze imisebenzi esibingelelweni.
7. Nguwe noonyana bakho kuphela abanoxanduva lokulungiselela mayela neqonga lamadini ndawonye negumbi eliyingcwele kangcwele. Lo msebenzi wenu wobubingeleli sisipho enisinikwa ndim. Nabani na othe wasondela kwizinto ezingcwele engenalungelo wobulawa.”
8. *UNdikhoyo wathi kuAron: “Iminikelo eyenzelwa mna yolawulwa nguwe; yonke iminikelo eyenziwe ngamaSirayeli kum ndiyinika wena noonyana bakho ibe yinxaxheba nesabelo senu esisisigxina.
9. Inxaxheba yeminikelo engayi kutshiswa eqongeni yeyenu – nditsho yonke iminikelo eyodwa, nokuba yeyokutya, okanye yeyentlambululo, okanye yeyembuyekezo. Loo nxaxheba yeyakho noonyana bakho.
12-13. “Ndikunika lonke ulibo lwezilimo oluziswa ngamaSirayeli kuNdikhoyo: amafutha omnquma, iwayini, nengqolowa. Zonke ke zoba zezakho, zityiwe ngabo bonke abangenamlaza kwintsapho yakho.
14. “Yonke into kwaSirayeli enikelwe kuNdikhoyo qwaba yeyakho.
15. Lonke izibulo, elomntu nelemfuyo, elinikelwa ngamaSirayeli kum, lelakho. Kodwa ke makahlawulelwe umntwana wamazibulo, nezibulo lesilwanyana esingàtyiwayo ngokunjalo.
16. Amazibulo makahlawulelwe xa anenyanga enye ezelwe, kukhutshwe ixabiso eliziingqekembe zesiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo.
17. Kambe ke amazibulo eenkomo, iigusha, neebhokhwe, wona akayi kuhlawulelwa. Wona ngakaNdikhoyo poqo; makenziwe idini. Igazi lazo makufefwe ngalo iqonga lamadini, amanqatha azo atshiswe abe lidini ngomlilo – dini elo livumba liyolileyo kuNdikhoyo.
18. Ke yona inyama yazo yoba yeyakho, njengencum nomlenze wasekunene kwidini eliwanga-wangiswayo.
19. “Yonke iminikelo eyodwa evela kumaSirayeli ndiyipha wena noonyana neentombi zakho zisisabelo senu esisisigxina. Lo ke ngumnqophiso ongasoze uthini endiwenza nawe nesizukulwana sakho.”
20. UNdikhoyo wathetha noAron, wathi: “Ke wena apha kwaSirayeli akuyi kuzuza sabelo sililifa lakho, ungayi kuzuza namhlaba. Kaloku esakho isabelo, ndawonye nelifa, ndim mna Ndikhoyo.”
21. *UNdikhoyo wathi: “Sonke isishumi esivela kumaSirayeli soba yinxaxheba yabaLevi ngenxa yoxanduva lokujonga *isibingelelo.
22. Ke wona amaSirayeli angawambi akufuneki nganto ukuba abe nento ayenzayo esibingelelweni, khon' ukuze angasifumani isohlwayo sokufa.