8. UMosis waqhuba wathi kuKora: “Khanitsho, baLevi,
9. ngaba niyidelile into yokuba uThixo kaSirayeli anibekele bucala kumaSirayeli ephela, ukuze nisondele kuye, nisebenze *esibingelelweni sakhe, nibuse ngenxa yamaSirayeli?
10. Nakuba nina baLevi niphela eninike eli wonga nje, ngoku senitsazele nasebubingelelini?
11. Eneneni nguNdikhoyo lo nimvukeleyo, wena nehlokondiba lakho, engubani yena uAron nide nimkhalazele nje.”
12. Ke kaloku uMosis wathumela wabiza uDatan noAbhiram, kodwa bona baphendula bathi: “Asizi!